Umsebenzi apha ekhaya
Namhlanje
Umsebenzi ohlawulayo uninzi lwawo luthetha ukuhamba: uye eMonti, eGqeberha okanye eRhawutini. Kodwa umsebenzi omninzi wedijithali ufuna ifowuni, idatha nesakhono kuphela.
Ingcinga
Imisebenzi ehlawulwayo efuna isiXhosa: ukubhala okuthethiweyo, ukujonga iinguqulelo, ukuthiya imifanekiso yalapha. Yenziwa eQonce, ihlawulwa ngomsebenzi ngamnye.
Umbuzo
Kuthekani ukuba isiXhosa sakho sisakhono esihlawulelwayo?